Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Bhalela ummeli webandla laseSardes, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe ooMoya abasixhenxe bakaThixo, neenkwenkwezi ezisixhenxe: Ndiyazazi iindlela zakho. Ndiyazi ukuba nakuba udume ngokuphila nje, ufile kodwa.

2. Vuka, uhlaziye loo ntlantsana isahleliyo, hleze ife nayo! Akukho namnye umsebenzi wakho endiwufumene ugqibekile phambi kukaThixo.

3. Ngoko ke khumbula iimfundiso ozifumeneyo; zilandele, uguquke. Ukuba akuvuki, ndofika njengesela – akuyi kwazi nokuba bendifike nini na.

4. Phofu unabantu abambalwa eSardes abangazingcolisanga bona izambatho zabo. Bohamba bevathe ezimhlophe kunye nam, yaye ibafanele loo nto.

5. Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.

6. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”

7. “Bhalela ummeli webandla laseFiladelfiya, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uyingcwele, ungowenene, uphethe izitshixo zakwaDavide; lowo uthi akuvula kungavali bani, athi akuvala kungavuli mntu.

8. Ndiyazazi iindlela zakho. Khangela ndibeke ucango oluvuliweyo phambi kwakho. Akukho bani unako ukuluvala. Ndiyazi ukuba amandlana onawo akangako, kodwa ulithobele ilizwi lam, àkwandikhanyela.

9. Ndiya kwenza le nto ke: Abo baligquba likaSathana, amamenemene azenza amaJuda engengawo, ndiya kubathoba, bakhahlele kuwe, bazi ukuba ndiyakuthanda.

10. Ke ngenxa yokuba uzingisile ekulithobeleni ilizwi lam elikubizela ekunyamezeleni, ndiza kukuhlangula kwishwangusha eliza ehlabathini lize kulinga bonke abantu.

11. Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.

12. Lowo woyisayo ndiya kumenza intsika yendlu kaThixo wam, angaze ahlukane nayo. Ndiya kulibhala kuye igama likaThixo wam negama lesixeko sikaThixo wam. Ewe, ndixela iJerusalem entsha, leyo izayo, iphuma ezulwini kuThixo wam. Ngokunjalo ndiya kulibhala kuye negama lam elitsha.

13. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!’ ”

14. “Bhalela ummeli webandla laseLawodike, uthi: ‘Nalu udaba oluvela *kuAmen, olingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo. Yena ngumthombo wayo yonke indalo kaThixo.

15. Ndiyasazi isimo sakho: Awubandi, awushushu. Akwaba ubushushu okanye ubanda!

16. Kodwa ke ngenxa yokuba udikidiki, ungeshushu ungabandi, ndiza kukutshica.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3