Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 20:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Luvuko lokuqala ke olu. Inxalenye yabafi yona ayizange ivuke kwade kwaphela iminyaka eliwaka.

6. Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.

7. Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe umtyholi enzonzobileni.

8. Ekhululekile ke uya kuzilahlekisa izizwe kumagumbi omane ehlabathi; ezo ke nguGogi noMagogi. Umtyholi uya kuziqokelela zibe zininzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, aye nazo emfazweni.

9. Nazo ke zicombuluka ehlabathini liphela, zirhawula impi yomkhosi wosapho lukaThixo, ndawonye neso sixeko asithandayo. Kuthe kusenjalo suka kwehla umlilo phezulu, wazithi lence-lence.

10. Okokwakhe umtyholi, umlahlekisi wazo, yena wathiwa dywa echibini lomlilo onesalfa, apho irhamncwa kunye *nomshumayeli oxokayo bebesebephoswe khona. Apho ke baya kungcungcutheka imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.

11. Ndaza ke ndabona isihlalo sokulawula esimhlophe, kukho ohleli kuso. Umhlaba namazulu ambaleka, awaba sabonakala.

12. Ndababona abafileyo, abakhulu kwanabanci, bemile phambi kwesihlalo sokulawula. Zavulwa iincwadi, kwaza kwavulwa nenye incwadi eneenkcukacha zobomi. Abo bafileyo bagwetywa ngokwengxelo yezenzo zabo eyayibhalwe kwezo ncwadi.

13. Ulwandle, ukufa, nelabafileyo labakhuphela ngaphandle abafileyo ababekulo. Umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe.

14. Ukufa nelabafileyo kwaphoswa echibini elivuthayo. Eli chibi lomlilo ke kukufa kwesibini.

15. Wonke umntu ogama lingabhalwanga encwadini yeenkcukacha zobomi waphoswa echibini elivuthayo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 20