Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 20:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndabona isithunywa sivela ezulwini sisiphethe ngesandla isitshixo senzonzobila. Sasiphethe nento enkulu yetyathanga.

2. Salibamba igongqongqo, inyoka endala, umtyholi, uSathana. Salikhonkxa iwaka leminyaka.

3. Salifaka enzonzobileni, sawuvala umnyango, sawutywina, sisenzela ukuba lingabe liphinde lilulahlekise uluntu kude kuphele iwaka leminyaka. Emva kwelo thuba igongqongqo limelwe kukukhululwa; phofu okwethutyana nje elingephi.

4. Emva koko ndabona izihlalo. Ndabona kuhlala kuzo abo babenikwe igunya lokugweba. Ndababona nâbo babenqunyulwe iintloko ngenxa yokuba ngamangqina kaYesu nangenxa yokushumayela ilizwi likaThixo. Ndababona nabo bangavumanga ukulinqula irhamncwa okanye umfanekiso walo, kwanabo bangavumanga ukuphawulwa kumabunzi okanye esandleni ngophawu lwerhamncwa. Bavuka ekufeni, balawula kunye noKrestu iminyaka eliwaka.

5. Luvuko lokuqala ke olu. Inxalenye yabafi yona ayizange ivuke kwade kwaphela iminyaka eliwaka.

6. Unoyolo engokaThixo lowo uluxhamleyo uvuko lokuqala. Ukufa kwesibini akunamandla kuye. Kaloku woba ngumbingeleli kaThixo nokaKrestu, axhamle ulawulo kunye noKrestu iminyaka eliwaka.

7. Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe umtyholi enzonzobileni.

8. Ekhululekile ke uya kuzilahlekisa izizwe kumagumbi omane ehlabathi; ezo ke nguGogi noMagogi. Umtyholi uya kuziqokelela zibe zininzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, aye nazo emfazweni.

9. Nazo ke zicombuluka ehlabathini liphela, zirhawula impi yomkhosi wosapho lukaThixo, ndawonye neso sixeko asithandayo. Kuthe kusenjalo suka kwehla umlilo phezulu, wazithi lence-lence.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 20