Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 2:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kodwa ke nantsi indawo ngakuwe: Akusandithandi njengoko wawundithanda ekuqaleni.

5. Khawukhumbule indlela owawa bhaxa ngayo. Yahlukana nezono; qhuba ngendlela obuhamba ngayo ekuqaleni. Ukuba akuguquki, ndiya kuza ndisisuse isibane sakho endaweni yaso.

6. Kambe ke nantsi indawo ekuthethelelayo: Imikhwa yamaNikolawo uyithiyile kanye njengam.

7. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndomnika ilungelo lokutya kumthi wobomi osemyezweni kaThixo. ’ ”

8. “Bhalela ummeli webandla laseSmirna, uthi: ‘Nanga amazwi alowo ungowokuqala ukwangowokugqibela, owayefile wabuya wavuka:

9. Ndiyayazi indlela ebenicinezeleke ngayo, nihlwempuzekile. Kodwa nizizityebi phezu koko. Ndiyayazi indlela ebenenyeliswa ngayo ngabo bazenza amaJuda – baligquba likaSathana!

10. Nize ningayoyiki intshutshiso ezayo. Abanye benu umtyholi uza kubaphosa entolongweni, enivavanya. Nophatheka nzima iintsuku ezilishumi. Nize ninyaniseke kude kuse ekufeni. Ndonithwesa imbasa yobomi.

11. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo akanako ukwenziwa nto kukufa kwesibini. ’ ”

12. “Bhalela ummeli webandla lasePergama, uthi: ‘Olu daba luvela kulowo unekrele elibukhali elibaze macala.

13. Ndiyayazi le ndawo uhlala kuyo: Kusebhotwe kwaSathana! Kodwa nakuba kunjalo awundilahlanga. Awuzange utyhafe undikhanyele, nangethuba kwakubulawa ingqina lam elithembekileyo uAntipas, apho kuloo dolophu yakho ilikhaya likaSathana.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 2