Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 2:15-23 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngokukwanjalo ke nalapho kuni bakho ababambelele kwimfundiso yamaNikolawo.

16. Ngoko ke guquka, kungenjalo abo bantu ndiya kubahlasela ngekrele lomlomo.

17. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo ndiya kumpha *imana efihliweyo. Ndiya kumnika nelitye elimhlophe apho kukrolwe igama elitsha elingaziwa mntu ngaphandle kwalowo lilelakhe.’ ”

18. “Bhalela ummeli webandla laseTiyatire, uthi: ‘Nalu udaba oluvela kuNyana kaThixo, yena unamehlo alenya ngathi ngamadangatye omlilo, onyawo zimenyezela ngathi lubhedu olugudisiweyo.

19. Ndiyasazi isimo sakho: unothando; uthembekile, ukhuthele, unomonde. Futhi ndiyaqonda ukuba ngoku uthath' unyawo kunakuqala.

20. Kambe ke ndinendawo ngakuwe: Kaloku awumchasi uJezebhele, intokazi ethi *ingumshumayeli. Ngemfundiso yakhe izicaka zam uziwexulela ekurheletyeni nasekutyeni ukutya okwenzelwe izithixo.

21. Nakuba ndimnikile ithuba lokuguquka ezonweni zakhe, akazimiselanga ukwahlukana nokurheletya.

22. Ngoku ke ndiya kumphosa emandlalweni apho aya kuthi yena kunye nabo arheletya nabo bangcungcutheke. Le nto ndiza kuyenza; ngaphandle kokuba bangaguquka kule nkohlakalo bayenza kunye naye.

23. Ndiya kubabulala abalandeli bakhe. Onke amabandla aya kuqonda ukuba mna ndiyazazi iingcinga neenjongo zabantu. Umntu ngamnye ndiya kumamkelisa ngokwezenzo zakhe.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 2