1. “Bhalela ummeli webandla lase-Efese, uthi: ‘Nanga amazwi avela kulowo uphethe iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, ujikeleza phakathi kwezibane ezisixhenxe zegolide.
2. Ndiyayazi indlela obusebenza ngayo ubulaleka, unenyameko. Ndiyazi ukuba akubanyamezeli abantu abakhohlakeleyo. Ubavavanyile abo babesithi *bangabathunywa bengengabo, wabafumanisa bengamaxoki.
3. Ubunzima ubuthwele ngenyameko ngenxa yam, akoyiswa.
4. Kodwa ke nantsi indawo ngakuwe: Akusandithandi njengoko wawundithanda ekuqaleni.
5. Khawukhumbule indlela owawa bhaxa ngayo. Yahlukana nezono; qhuba ngendlela obuhamba ngayo ekuqaleni. Ukuba akuguquki, ndiya kuza ndisisuse isibane sakho endaweni yaso.