8. Ngenxa yale nto ke, uya kuhlelwa zizibetho ngamini-nye: izifo, iinzingo, nendlala. Uya kutshiswa ngumlilo. Kaloku uThixo omgwebayo unamandla.
9. “Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo.
10. Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka!’
11. “Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo.