Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 18:10-22 Ibhayibhile (XHO96)

10. Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka!’

11. “Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo.

12. Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile;

13. iziqholo zokutya, iziqhumiso, iziqholo zomzimba, intlaka emhlophe; iwayini namafutha, iflawa nengqolowa, iinkomo neegusha, amahashe neenqwelo, amakhoboka nobomi babantu; ewe, zonke ezi ntlobo-ntlobo zoba zingasenamthengi.

14. Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’

15. Oosomashishini abafumana ubutyebi beshishina kwesi sixeko baya kuhambela mgama bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwaso. Baya kungqukruleka beselusizini,

16. bathi: ‘Heyi, kunyembelekile kwesi sixekokazi! Kaloku sona sasivethe ezelinen ecikiziweyo, ezimfusa nezibomvu; sasiyokozela yigolide, amatye exabiso nentsimbi!

17. Engaka yona ilahleko yobutyebi ngomzuzwana nje!’“Abaphathi-nqanawa noomatiloshe, nabahamba ngolwandle, nabo bonke abaphila lulwandle, bahambela phaya,

18. bekhuza kukubona umsi womlilo ositshisayo, besithi: ‘Sakhe sakho phi na isixeko esifana nesi sixekokazi?’

19. Bazigalela ngomhlaba, bengqukruleka beselusizini besithi: ‘Awu, kunyembelekile, sixekokazindini, apho bonke abahamba ngeenqanawa bamfimfithe khona ubutyebi! Ngomzuzwana nje usuke uthi shwaka.’

20. “Vuyani nimemelele, mazulu, ngenxa yokutshabalala kwakhe! Vuyani, lusapho lukaThixo, bathunywa, nani bavakalisi beendaba! Kaloku uThixo uyigwebile iBhabheli waniphindezela.”

21. Kananjalo enye ingwanyalala yesithunywa yathatha ilitye elingathi lilitye lokusila, yaliphosa elwandle, yathi: “Siya kwenziwa nje ke isixekokazi iBhabheli, sintlithwe phantsi, singaze siphinde sibonwe bani.

22. Abadlali behapu, neemvumi, abakhalisa ifluti nexilongo, abasoze baphinde babe khona apho kuwe. Soze kuphinde kubekho magcisa alo naluphi na udidi apho kuwe, singasoze siphinde sivakale nesandi selitye lokusila!

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 18