11. Ke lona irhamncwa, elo lalikhe lakho lingasekhoyo ngoku, lingowesibhozo – nakuba lingomnye wabasixhenxe nje – futhi liza kutshabalala.
12. “Zona iimpondo ezilishumi ozibonileyo, ngookumkani abalishumi abangekaqali ukulawula. Kambe ke baya kwabelana ngolawulo kunye nerhamncwa okwethutyana nje.
13. Kaloku boshumi injongo yabo iyafana: kukunikezela ulawulo kwirhamncwa.
14. Baya kulwa neXhwane, kodwa liboyise. Kaloku lona liyiNkosi yamakhosi, iKumkani yeekumkani. Abalandeli balo baya kuba nenxaxheba kolo loyiso lwalo. Ewe, nditsho abanyulwa ababiziweyo nabathembekileyo.”