Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 17:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ke lona irhamncwa, elo lalikhe lakho lingasekhoyo ngoku, lingowesibhozo – nakuba lingomnye wabasixhenxe nje – futhi liza kutshabalala.

12. “Zona iimpondo ezilishumi ozibonileyo, ngookumkani abalishumi abangekaqali ukulawula. Kambe ke baya kwabelana ngolawulo kunye nerhamncwa okwethutyana nje.

13. Kaloku boshumi injongo yabo iyafana: kukunikezela ulawulo kwirhamncwa.

14. Baya kulwa neXhwane, kodwa liboyise. Kaloku lona liyiNkosi yamakhosi, iKumkani yeekumkani. Abalandeli balo baya kuba nenxaxheba kolo loyiso lwalo. Ewe, nditsho abanyulwa ababiziweyo nabathembekileyo.”

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 17