Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 17:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe seza kum, sathi: “Yiza, ndiza kukubonisa ukugwetywa kwehenyukazi elimi phezu kwemilambo.

2. Kaloku izikumkani zehlabathi zirheletya nalo. Ewe, ihlabathi liphela lithe thwanga kukurheletya nalo.”

3. Ke kaloku ndaba semandleni kaMoya, saza isithunywa eso sandisa entlango. Apho ke ndabona umfazi ekhwele phezu kwerhamncwa elibomvu elalinemibhalo emanyumnyezi. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.

4. Umfazi lowo wayevathe ezimfusa nezibomvu, eyokozela ngamaso egolide, intsimbi, namatye exabiso. Ngesandla wayephethe indebe yegolide eyayizele uluchwe lokungcola nokurheletya kwakhe.

5. Ebunzi kwakubhalwe igama elingaziwa mntu: “UBhabheli, unina wamahenyukazi, nazo zonke iintlondi zehlabathi.”

6. Lo mfazi ndambonayo wayenxile ligazi losapho lukaThixo, ngokunjalo negazi labo babengqina ngoYesu.Ndithe ndakumbona ndamangaliswa, kodwa isithunywa eso sabuza sathi:

7. “Ngani ukuba umangaliswe? Phulaphula ke ndikuxelele ihlebo ngalo mfazi kunye nerhamncwa akhwele kulo elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.

8. Elo rhamncwa ulibonileyo lelo lalikho, lingasekhoyo ngoku; kambe ke lisaza kuphuma enzonzobileni, landule ke ukuya kwantshabalalo. Abo bamagama angazange abhalwe encwadini yabaphilayo, seloko lasekwayo ihlabathi, baya kumangaliswa bakulibona irhamncwa; kuba kaloku lalikhe ladla ubomi, kodwa ngoku alisekho, phofu lisaza kubuya livele.

9. “Kwabo banako ukutolika nasi isitshixo. Iintloko ezisixhenxe ziinduli ezisixhenxe emi kuzo umfazi. Kwangokunjalo zimele ookumkani abasixhenxe.

10. Isihlanu kubo asisekho, omnye usesezintanjeni, omnye useza, kambe naxa selefikile uya kulawula ixeshana nje.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 17