Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 16:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Baliphalaza igazi lemilowo kaThixo *nelabashumayeli, ngoku ke ubanika igazi ukuba basele. Ibafanele loo nto bayifumeneyo, tshotsho!”

7. Kwavakala ilizwi, liphuma eqongeni lamadini, lisithi: “Nkosi, Thixo Somandla, ngenene zinyanisekile, zilungile, izigqibo zakho!”

8. Sasichitha elangeni isitya saso isithunywa sesine. Laza ilanga lakhululelwa ukubatshisa ngengqantsini yobushushu abantu.

9. Batsha abantu seso sihogo. Baliqalekisa igama likaThixo ezeza ngegunya lakhe ezo zibetho. Kodwa abazanga bahlukane nezono, banqule uThixo.

10. Esesihlanu isithunywa sasichitha phezu kwesihlalo serhamncwa isitya saso. Kwaba mnyama tsiki kuloo mmandla wolawulo lwerhamncwa. Babengcungcutheka abantu ziintuthumbo.

11. Kodwa uThixo wezulu babemqalekisa ngenxa yezilonda neengqaqambo, bengaguquki kwiindlela zabo ezigwenxa.

12. Isithunywa sesithandathu sasichitha phezu komlambo omkhulu iEfrati isitya saso. Watsha umlambo, kwavuleka indlela yeekumkani ezivela empumalanga.

13. Ndabona iindimoni ezintathu ezazingathi ngamasele. Zaphuma emlonyeni wegongqongqo, nowerhamcwa, nakowomshumayeli oxokayo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 16