Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 16:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Sanduluka isithunywa sokuqala, sasichitha ehlabathini isitya saso. Abo babenophawu lwerhamncwa, nabo babenqula umfanekiso walo, baphuma izilonda ezibi neziqaqambayo.

3. Esesibini isithunywa sasichithela elwandle isitya saso. Amanzi ajika afana negazi lomntu ofileyo. Kwafa zonke izinambuzane eziphila elwandle.

4. Isithunywa sesithathu sasichithela emilanjeni nasemithonjeni isitya saso, yaza yajika yaba ligazi.

5. Ndeva isithunywa esilawula amanzi sisithi: “Zilungile izigqibo zakho, wena ungcwele, uhleli ukho, nobukade ukho!

6. Baliphalaza igazi lemilowo kaThixo *nelabashumayeli, ngoku ke ubanika igazi ukuba basele. Ibafanele loo nto bayifumeneyo, tshotsho!”

7. Kwavakala ilizwi, liphuma eqongeni lamadini, lisithi: “Nkosi, Thixo Somandla, ngenene zinyanisekile, zilungile, izigqibo zakho!”

8. Sasichitha elangeni isitya saso isithunywa sesine. Laza ilanga lakhululelwa ukubatshisa ngengqantsini yobushushu abantu.

9. Batsha abantu seso sihogo. Baliqalekisa igama likaThixo ezeza ngegunya lakhe ezo zibetho. Kodwa abazanga bahlukane nezono, banqule uThixo.

10. Esesihlanu isithunywa sasichitha phezu kwesihlalo serhamncwa isitya saso. Kwaba mnyama tsiki kuloo mmandla wolawulo lwerhamncwa. Babengcungcutheka abantu ziintuthumbo.

11. Kodwa uThixo wezulu babemqalekisa ngenxa yezilonda neengqaqambo, bengaguquki kwiindlela zabo ezigwenxa.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 16