Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 16:10-21 Ibhayibhile (XHO96)

10. Esesihlanu isithunywa sasichitha phezu kwesihlalo serhamncwa isitya saso. Kwaba mnyama tsiki kuloo mmandla wolawulo lwerhamncwa. Babengcungcutheka abantu ziintuthumbo.

11. Kodwa uThixo wezulu babemqalekisa ngenxa yezilonda neengqaqambo, bengaguquki kwiindlela zabo ezigwenxa.

12. Isithunywa sesithandathu sasichitha phezu komlambo omkhulu iEfrati isitya saso. Watsha umlambo, kwavuleka indlela yeekumkani ezivela empumalanga.

13. Ndabona iindimoni ezintathu ezazingathi ngamasele. Zaphuma emlonyeni wegongqongqo, nowerhamcwa, nakowomshumayeli oxokayo.

14. Yayiziindimoni ezinamandla okwenza imilingo. Zazithunywe ukuya kuqokelela edabini zonke iikumkani zelizwe ngaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.

15. “Uyabona ke, ngaloo mini ndiya kuza njengesela. Unoyolo ke lowo uhlala elindile, engazikhululi izambatho zakhe, ukuze angahambi ze, ahlazeke ebantwini.”

16. Iindimoni zaziqokelela ndawonye iikumkani, kwindawo ekuthiwa yiArmagedon ngesiHebhere.

17. Isithunywa sesixhenxe sasichitha emoyeni isitya saso. Kwavakala ilizwi lidanduluka esihlalweni sobukhosi endlwini kaThixo lisithi: “Kuphelile.”

18. Kwabakho ubumenye-menye bemibane, ukugqekreza, nezandi zeendudumo, kunye nenyikima eyoyikekayo. Akuzange kubekho nyikima yoyikeka njengaleyo ezimbalini!

19. Saqhekeka kathathu isixeko esikhulu. Izixeko zamazwe onke zadilika zangamabhodlo. UThixo akazanga asilibale isixeko esikhulu iBhabheli. Wayiseza impindezelo yakhe.

20. Zonke iintaba zathi shwaka, neziqithi zaphel' emehlweni.

21. Kwawa isichotho esingamatye amakhulu. Ilitye ngalinye lalimalunga namashumi amahlanu eekhilogram ubunzima. Sabatyhumfuza abantu. Bamqalekisa uThixo abantu ngenxa yesibetho seso sichotho soyikekayo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 16