Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 14:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndithe ndisajongile kwavela ilifu elimhlophe, kulo kuthe ngcu into engathi ngumntu. Intloko yakhe yayihonjiswe ngembasa yegolide, ephethe irhengqe ebukhali ngesandla.

15. Kwaphuma isithunywa endlwini kaThixo, samemeza lowo wayehleli efini, sathi: “Yolula isandla sakho, uvune ngerhengqe leyo. Kaloku ixesha lokuvuna lifikile, ibe ke nesivuno sehlabathi sesilungile.”

16. Lowo wayehleli efini wasebenzisa irhengqe yakhe, wavuna ehlabathini.

17. Kwakhona kwavela esinye isithunywa siphuma endlwini kaThixo esezulwini. Naso sasiphethe irhengqe ebukhali.

18. Ngokunjalo kwathi thu esinye isithunywa eqongeni. Esi sona sasingumongameli womlilo. Sabhekisa kweso sasinerhengqe ebukhali, sikhwaza sisithi: “Yolula isandla sakho, uqokelele idiliya ehlabathini, kuba ivuthiwe ngoku.”

19. Senjenjalo ke isithunywa eso, sasika sayiqokelela idiliya yehlabathi. Sayithatha sayiphosa esixovulelweni sengqumbo kaThixo.

20. Idiliya leyo yaxovulelwa ngaphandle kwesixeko. Isixovulelo eso sampompoza igazi langumgama oziikhilomitha ezingamakhulu alishumi elinesithandathu. Lalinzulu kangangokuba ihashe lalisithi gabhu ngomkhala.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 14