Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 14:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kananjalo ndathi ndakujonga ndabona iXhwane lithe bhuxe entabeni iZiyon. Lalikunye nabantu abalikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka. Bona babephawulwe ngegama lalo kunye nelikaYise ebunzi.

2. Ndeva ukuhlokoma kwelizwi liphuma ezulwini. Lalingathi sisandi samanzi engxangxasi; lalingathi kukuqhaqhazelisa kweendudumo. Eli lizwi laba ngathi ziimvumi ezibetha iihapu.

3. Babethe qwelele phambi kwebhotwe naphambi kwezilwanyana ezine, ndawonye namadoda amakhulu, bevuma ingoma entsha. Akukho bani wayenako ukuyilandela loo ngoma, ngaphandle kwabo bakhululekileyo emhlabeni; ewe, nditsho abo balikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.

4. Aba ke ngabo bangazidyobhanga ngamabhinqa. Ewe, banyulu. Bona bathe ngcembe emva kweXhwane. Aba bakhululwe bephuma kulo lonke uluntu. Balulibo lukaThixo kunye neXhwane.

5. Abazange bakhohlisa; bamsulwa.

6. Ndabona isithunywa sindanda phezulu esibhakabhakeni. Sasithunywe ukuba siye kuvakalisa uncuthu lweendaba ezingasoze zithini. Zona zezabo bonke abantu behlabathi, iintlanga, iilwimi ngeelwimi, nezizwe ngezizwe.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 14