Ke kaloku ndabona irhamncwa liphuma elwandle. Lona ke lalineentloko ezisixhenxe; iimpondo zona zazilishumi. Uphondo ngalunye lwalunembasa; kanti ke iintloko zaziphawulwe ngamagama amanyumnyezi.