Kanye ngawo loo mzuzu kwabakho inyikima eyoyikekayo, saza isahlulo seshumi sesixeko eso satshabalala. Kwafa abantu abangamawaka asixhenxe. Abaseleyo bangenwa lunkwantyo, baza badumisa ubukhulu boThixo osezulwini.