Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 1:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kwathi ngomhla weCawe ndaba semandleni kaMoya, ndaza ndeva ilizwi lihlokoma ngathi lixilongo emva kwam.

11. Lenjenje ukuthetha: “Ezi zinto uzibonayo zibhale encwadini, uzithumele kula mabandla osixhenxe: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatire, eSardes, eFiladelfiya, naseLawodike.”

12. Ndakhangela ngasemva, ndifuna ukuqonda ukuba ngaba lalilelikabani na eli lizwi ndandiliva lithetha nam. Ndithe ndakubheka, ndabona kumi izibane ezisixhenxe zegolide.

13. Phakathi kwazo kwakukho into engathi ngumntu, itsho ngezivatho ezaziye kuthi xhaxhe ezinyaweni, ithe thande ibhanti yegolide esifubeni.

14. Iinwele zayo zazimhlophe okwekhephu, itsho ngamehlo abukhali, alenya okwamadangatye omlilo.

15. Yayineenyawo ezibengezela okobhedu olugudisiweyo, ilizwi layo livakala ngathi sisandi samanzi engxangxasi.

16. Yayiphethe iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesandla sokunene, emlonyeni kuphuma ikrele elibukhali, libazwe macala, ubuso bayo buqaqamba njengelanga mhla ligqats' ubhobhoyi.

17. Ndithe ke ndakumbona, ndajuba ezinyaweni zakhe, ndanjengofileyo. Ke yena wasibeka phezu kwam isandla sakhe sokunene, wathi: “Musa ukoyika. Mna ndingowokuqala, ndikwangowokugqibela.

18. Ndingohleliyo. Ndandifile. Kodwa khangela ndim lo ndikho, kuya kude kube nini-nini. Ukufa ndiyakulawula; kwanelabafileyo ndiyalilawula.

19. Ngoko ke zibhale ezo zinto uzibone zisenzeka, kwanezo zenzekayo, neziya kuhla.

20. Nantsi ke ingcaciso yento ethethwa ziinkwenkwezi ezisixhenxe ezisesandleni sam sokunene, kwanezibane ezisixhenxe zegolide: Iinkwenkwezi ezisixhenxe ngabameli bamabandla asixhenxe. Izibane ezisixhenxe zona ngamabandla lawo.”

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 1