Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 5:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. Lo mthandazo uphuma elukholweni uya kumnyanga umntu ogulayo, iNkosi imbuyisele empilweni, zithi nezono azenzileyo zixolelwe.

16. Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

17. Ewe, uEliya wayengumntu efana nathi. Kodwa wathandaza ngokuzimisela ukuba ingani imvula, ngenene labalela iminyaka emithathu enesiqingatha.

18. Waphinda wathandaza, saza isibhakabhaka sayithoba imvula, lachuma ilizwe.

19. Mawethu, ukuba omnye wenu ulahlekile waphuma enyanisweni, waza omnye umntu wambuyisa,

20. qinisekani ngale ndawo: Nabani na oguqula umoni olahlekayo usindise umphefumlo ekufeni, watsho kwaxolelwa izono ezininzi.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 5