Testamente Endala

Testamente Entsha

3 Kayohane 1:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kambe ke thina makholwa simelwe kukuwaxhasa, khon' ukuze sibe nenxaxheba kumsebenzi wokusasaza inyaniso.

9. Bendibhalele ibandla ileta. Kodwa uDiyotrefe, ongugqada-mbekweni, akafuni kuva nento le ngam.

10. Ndothi ndakufika apho ndizibhengeze zonke izenzo zakhe: izinto ezimanyumnyezi azithethe ngam, kunye nobuxoki ahamba ebuphalaza ngam. Kanti ke ngaphezu koko uyala ukwamkela amawethu xa afikileyo; ude anqande nâbo bafuna ukuwamkela, afune ukubagxotha ebandleni.

11. Mhlobo oyintanda, ungaze uyilinganise imikhwa emibi; uze ufunde umzekelo omhle. Wonke umntu owenza okulungileyo ngokaThixo. Kodwa lowo wenza okubi akakabonani noThixo.

12. Kodwa wonke umntu uthetha kakuhle ngoDemetriyo. Inyaniso iyacaca ngaye. Nam ndiyayingqina loo nto, yaye uyazi ukuba andixoki.

13. Zininzi izinto endifuna ukukuxelela zona, kodwa andithandi kuzibhala.

14. Ndinqwenela ukukubona kwakamsinya, khon' ukuze sithethe ubuso ngobuso.

15. Uxolo malube nawe.Bayabulisa bonke oogxa bakho. Nawe bulisa kubahlobo bam bonke ngabanye.

funda isahluko epheleleyo 3 Kayohane 1