Testamente Endala

Testamente Entsha

3 Kayohane 1:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ndavuya gqitha xa kwakufika amawethu endixelela ngendlela othe ngcembe ngayo enyanisweni – njengoko uhlala usenza kakade.

4. Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.

5. Mhlobo endimthandayo, hayi ukuba nenyameko kwakho kumsebenzi owenzela amakholwa – nditsho nalawo angabahambi!

6. Ayibalisile apha ebandleni indlela obuwaphethe kakuhle ngayo. Seluwanceda ke naseluhambeni lwawo, ngohlobo olukholisa uThixo.

7. Kaloku ahamba esiya kwenza umsebenzi kaKrestu. Akafumani nkxaso ke kwabo bangengomakholwa.

8. Kambe ke thina makholwa simelwe kukuwaxhasa, khon' ukuze sibe nenxaxheba kumsebenzi wokusasaza inyaniso.

9. Bendibhalele ibandla ileta. Kodwa uDiyotrefe, ongugqada-mbekweni, akafuni kuva nento le ngam.

10. Ndothi ndakufika apho ndizibhengeze zonke izenzo zakhe: izinto ezimanyumnyezi azithethe ngam, kunye nobuxoki ahamba ebuphalaza ngam. Kanti ke ngaphezu koko uyala ukwamkela amawethu xa afikileyo; ude anqande nâbo bafuna ukuwamkela, afune ukubagxotha ebandleni.

11. Mhlobo oyintanda, ungaze uyilinganise imikhwa emibi; uze ufunde umzekelo omhle. Wonke umntu owenza okulungileyo ngokaThixo. Kodwa lowo wenza okubi akakabonani noThixo.

funda isahluko epheleleyo 3 Kayohane 1