Testamente Endala

Testamente Entsha

3 Kayohane 1:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kubhala mna indoda enkulu. Ndibhalela uGayo endimthanda ngokwenene.

2. Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.

3. Ndavuya gqitha xa kwakufika amawethu endixelela ngendlela othe ngcembe ngayo enyanisweni – njengoko uhlala usenza kakade.

4. Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.

5. Mhlobo endimthandayo, hayi ukuba nenyameko kwakho kumsebenzi owenzela amakholwa – nditsho nalawo angabahambi!

6. Ayibalisile apha ebandleni indlela obuwaphethe kakuhle ngayo. Seluwanceda ke naseluhambeni lwawo, ngohlobo olukholisa uThixo.

7. Kaloku ahamba esiya kwenza umsebenzi kaKrestu. Akafumani nkxaso ke kwabo bangengomakholwa.

8. Kambe ke thina makholwa simelwe kukuwaxhasa, khon' ukuze sibe nenxaxheba kumsebenzi wokusasaza inyaniso.

funda isahluko epheleleyo 3 Kayohane 1