Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 3:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Bonke ke abo ndibayala egameni leNkosi uYesu Krestu, ndisithi mabaziphathe kakuhle, basebenze, bazixhase.

13. Nina ke kodwa, zihlobo zam, maze ningadinwa kukwenza okulungileyo.

14. Kungenzeka kubekho othe kanti uyayidela le miyalelo yale ncwadi. Ukuba ke kuthe kanti kunjalo, mqapheleni loo mntu, nimbukule phakathi kwenu, ade asidanele isimilo sakhe.

15. Anditsho phofu ukuba nimthathe njengotshaba. Hayi, ze nimcenge nina, nimluleke njengomntakwenu.

16. Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.

17. Ndibhala ngesam isandla. Nasi ke isandla sam: Ndiyabulisa mna Pawulos.

18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 3