Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 3:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Le ntetho ndiyenziswa kukuba ndive ukuba abanye kuni bahlala ngokungakhathali. Akukho nto bayenzayo ngaphandle nje kokuzifaka kwimicimbi yabanye abantu.

12. Bonke ke abo ndibayala egameni leNkosi uYesu Krestu, ndisithi mabaziphathe kakuhle, basebenze, bazixhase.

13. Nina ke kodwa, zihlobo zam, maze ningadinwa kukwenza okulungileyo.

14. Kungenzeka kubekho othe kanti uyayidela le miyalelo yale ncwadi. Ukuba ke kuthe kanti kunjalo, mqapheleni loo mntu, nimbukule phakathi kwenu, ade asidanele isimilo sakhe.

15. Anditsho phofu ukuba nimthathe njengotshaba. Hayi, ze nimcenge nina, nimluleke njengomntakwenu.

16. Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 3