Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 9:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Nanjengokuba ndinithemba kangaka nje, ndingadana kakhulu, nani nihlazeke kakubi, ukuba kunokufika abantu baseMakedoni apho, behamba nam, ningekalungi.

5. Kungoko ke ndithe la makholwa makabe ehamba kuqala, ukuza kukhangela ukuba senisilungisile na isipho enathembisa ngaso, khon' ukuze ke mna ndifike sesilungile, singumnikelo wenu wesisa, ingekuko kuba ninyanzelwa.

6. Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu.

7. Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.

8. Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle,

9. njengoko zitshoyo *neziBhalo ukuthi:“Uwapha ngesisa amahlwempu;ububele belungisa buhlala buhleli.”

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 9