Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 6:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni.

13. Ngoku ke ndithetha njengoyise kubantwana: Nani linganisani mna, nizityand' igila kum!

14. Musani ukuzilinganisa nizifanise nabantu abangakholwayo, kuba àyenziwa loo nto. Ingádibana njani into elungileyo nengalunganga? Kungahlala njani ukukhanya ndawonye nobumnyama?

15. Unabudlelane buni uKrestu nomtyholi? Linabudlelane buni ikholwa nomntu ongakholwayo?

16. Inabudlelane buni na indlu kaThixo nezithixo zeentlanga? Kaloku thina siyindlu kaThixo ophilayo! Kutsho uThixo ngokwakhe ukuthi:“Ndiya kulenza kubantu bam ikhaya lam,ndihlale phakathi kwabo,ndibe nguThixo wabo,babe ngabantu bam ke bona.”

17. Ngokunjalo iNkosi ithi:“ ‘Phumani phakathi kwabo,nahlukane nabo.Musani ukuyichukumisa into engcolileyo.Mna ndiya kunamkela.

18. Ndoba nguyihlo,nina nibe ngoonyana neentombi zam,’itsho iNkosi uSomandla.”

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 6