Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 6:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke njengabo basebenzisana noThixo siyanibongoza ukuba ningathi kanti ubabalo lukaThixo nilwamkelele ilize.

2. Kaloku uthi uThixo:“Ndasabela ngomhla okholekileyo,ndakunceda ngomhla wokusindiswa kwakho.”Khangela ke, nguwo lo umhla okholekileyo, yiyo le imini yokusindiswa!

3. Ukuze umsebenzi wethu ungabekwa bala, siyaziphepha izinto ezinokukhubekisa nabani na.

4. Ewe, kuyo yonke imicimbi siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo, ngokunyamezela sisezinkathazweni – sisezimbandezelweni nasebunzimeni asityhafi:

5. noba siyabethwa, nditsho sesifakwa ezintolongweni, noba siphakathi kwezidubedube, nditsho sesisetyenziswa ngaphezu kwamandla ethu, naxa singalali okanye singatyi.

6. Siyazicacisa ukuba sizizicaka zikaThixo ngobunyulu, ngamava, ngokuza kade komsindo, nangobubele; ngamandla kaMoya oyiNgcwele, nangothando olungazenzisiyo;

7. ngokushumayela inyaniso, nangamandla kaThixo. Isikrweqe sethu bubulungisa; ngaso siyahlasela, sihlanganise futhi.

8. Singabanesidima, singabalihlazo; siyathukwa, siyanconywa futhi. Siphathwa njengamaxoki, nakuba sithetha inyaniso;

9. ngathi asaziwa, ukanti saziwa ngabo bonke; ngathi sifile, kanti siphilile. Nangona sisohlwaywa, asibulawa noko;

10. nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.

11. Zihlobo zaseKorinte, sithethe ngokucacileyo nani, sizityand' igila kuni.

12. Ngakwelethu icala asinifihlelanga nto, koko nini abasahleli eqokobheni.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 6