Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 5:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ukuba singene kuso ke, asinakuyidinga indawo yokuhlala.

4. Okwangoku sisekule ndlu yasemhlabeni siyancwina, siziva sicinezelekile. Asikuko ke nokuba asisayifuni le ndlu yethu yasemhlabeni, koko kukuba silangazelela ukungena kweso sakhiwo sethu sisezulwini, ukuze oko kufayo kuginywe bubomi.

5. NguThixo ngokwakhe osilungiselela le nguqulelo; nguye osinike uMoya oyiNgcwele osisiqinisekiso sazo zonke izinto asilungiselele zona.

6. Ngoko ke sihlala sinethemba. Kaloku siyazi ukuba xa sisekulo mzimba, sikude nelo khaya liseNkosini.

7. Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.

8. Asithandabuzi, ngoko ke sinolangazelelo lokuwushiya lo mzimba, siye kuhlala neNkosi.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 5