Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 5:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kuba sonke kufuneka sivele phambi koKrestu, asivavanye. Umntu ngamnye uya kufumana loo nto imfaneleyo, nokuba yentle, nokuba yembi, ngokwendlela ebeziphethe ngayo kulo mzimba.

11. Ngenxa yokuba siyithobela iNkosi, sizama ukuzuza abantu. UThixo uyasiqonda ngokupheleleyo, ibe ke nani ndiyathemba ukuba nathi nisiqonda ngokupheleleyo.

12. Ngale ndlela ke asizami kuzithandekisa kuni, nto nje sinenzela indlela yokuba nikwazi ukuba neqhayiya ngathi, ukuze nikwazi ukubaphendula abo baqhayisa ngembonakalo endaweni yokuqhayisa ngesimilo.

13. Ukuba asibhadlanga, kungenxa kaThixo. Kanti ukuba sibhadlile, kungenxa yenu.

14. Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe.

15. Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.

16. Ngoko ke asisagwebi mntu ngomgangatho wehlabathi. Noba singade sibe sakha samthatha ngolo hlobo uKrestu, asisayenzi loo nto ngoku.

17. Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.

18. Wonke lo msebenzi wenziwa nguThixo. Nguye othe ngoYesu Krestu wasixolelanisa naye ngokwakhe, wasinika umsebenzi wokuxolelanisa.

19. Kaloku ngoKrestu uThixo wayelixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engasababeki tyala abantu ngezono zabo, waza wasiphathisa umsebenzi woxolelaniso.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 5