Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 3:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Le nto ayithethi kuthi ndinako ukuwenza ngokwam lo msebenzi. Amandla endinawo avela kuThixo.

6. Ikwanguye ondenze ndaba nako ukukhonza phantsi komnqophiso omtsha, ongaxhomekekanga kumthetho obhaliweyo, koko uxhomekeke kuMoya. Wona umthetho obhaliweyo uyabulala, kodwa yena uMoya uyaphilisa.

7. Umthetho wakrolwa kumacwecwe elitye, baza ubuqaqawuli bukaThixo babonakala ukunikezelwa kwawo. Nangona ukukhanya okwakusebusweni bukaMosis kwakukokwexeshana, kwakuqaqambe kangangokuba amaSirayeli angabi nako ukumjonga. Ukuba umthetho lo wezisa ukufa wasungulwa ngobuqaqawuli obungako,

8. kubeka phi ke ukuqaqamba kwale meko intsha isungulwa nguMoya!

9. Ukuba ulungiselelo olubagwebayo abantu lwaluqaqambile, ngaba lubeka phi ke ukuqaqamba ulungiselelo olubenza msulwa abantu!

10. Ngenene isihomo ebesikho kumnqophiso omdala sitshitshisiwe ngenxa yokuba ngoku sifikile isihomo esindilekileyo kunaso.

11. Kaloku, ukuba nento yexeshana le yaba nesithozela, ibeka phi ke yona into ehlala ihleli!

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 3