Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 3:3-8 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ngokucacileyo niyincwadi kaKrestu evele ngokusebenza kwam kuni. Ayibhalwanga ngeinki, koko ibhalwe ngoMoya kaThixo ophilayo; ayikrolwanga kumacwecwe elitye, koko ibhalwe kumacwecwe entliziyo.

4. Le nto ndiyithetha kuba ndithembele ngokupheleleyo kuThixo ngenxa kaKrestu.

5. Le nto ayithethi kuthi ndinako ukuwenza ngokwam lo msebenzi. Amandla endinawo avela kuThixo.

6. Ikwanguye ondenze ndaba nako ukukhonza phantsi komnqophiso omtsha, ongaxhomekekanga kumthetho obhaliweyo, koko uxhomekeke kuMoya. Wona umthetho obhaliweyo uyabulala, kodwa yena uMoya uyaphilisa.

7. Umthetho wakrolwa kumacwecwe elitye, baza ubuqaqawuli bukaThixo babonakala ukunikezelwa kwawo. Nangona ukukhanya okwakusebusweni bukaMosis kwakukokwexeshana, kwakuqaqambe kangangokuba amaSirayeli angabi nako ukumjonga. Ukuba umthetho lo wezisa ukufa wasungulwa ngobuqaqawuli obungako,

8. kubeka phi ke ukuqaqamba kwale meko intsha isungulwa nguMoya!

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 3