Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 3:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ngenene isihomo ebesikho kumnqophiso omdala sitshitshisiwe ngenxa yokuba ngoku sifikile isihomo esindilekileyo kunaso.

11. Kaloku, ukuba nento yexeshana le yaba nesithozela, ibeka phi ke yona into ehlala ihleli!

12. Ngenxa yokuba ke sinethemba elinje sithetha ngesibindi.

13. Thina asifani noMosis. Yena wayefaka isigqubuthelo ebusweni, ukuze amaSirayeli angakuboni ukubengezela oko kude kuphele.

14. Ngenene ingqiqo yawo yayibuthuntu; phofu ke eso sigqubuthelo sisekho kwingqiqo yawo unanamhlanje xa kufundwa iincwadi zomnqophiso omdala. Esi sigqubuthelo siyasuka akuba umntu emanyene noKrestu.

15. Unanamhlanje, nanini na umthetho kaMosis ufundwa, esi sigqubuthelo sihlala sihleli kwingqiqo yamaSirayeli.

16. Kanti ke nanini na ebuyela eNkosini, siyasuka isigqubuthelo.

17. INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.

18. Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 3