1. Eli liza kuba lixesha lesithathu ndinityelela. “Nasiphi na isityholo kufuneka simiswe ngamangqina amabini okanye amathathu,” njengoko zisitsho *iziBhalo.
2. Ndibhekisa kwabo babonile ngaphambili, kunye nawuphi na ongomnye. Ndandikhe ndatsho kambe kutyelelo lwam lwesibini, kodwa ndiyaphinda nangoku ndingekhoyo ukuthi: xa ndiphinda ukuza apho, akukho bani uya kusinda ekohlwayweni.
3. Nithi nifuna ukuqinisekiswa ukuba uKrestu uyathetha ngam. Nimazi engelobhetye-bhetye, kodwa enamandla phakathi kwenu.