Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 13:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Eli liza kuba lixesha lesithathu ndinityelela. “Nasiphi na isityholo kufuneka simiswe ngamangqina amabini okanye amathathu,” njengoko zisitsho *iziBhalo.

2. Ndibhekisa kwabo babonile ngaphambili, kunye nawuphi na ongomnye. Ndandikhe ndatsho kambe kutyelelo lwam lwesibini, kodwa ndiyaphinda nangoku ndingekhoyo ukuthi: xa ndiphinda ukuza apho, akukho bani uya kusinda ekohlwayweni.

3. Nithi nifuna ukuqinisekiswa ukuba uKrestu uyathetha ngam. Nimazi engelobhetye-bhetye, kodwa enamandla phakathi kwenu.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 13