Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:3-4-15 Ibhayibhile (XHO96)

3-4. Ndiyaphinda ndithi loo mfo wathwetyulelwa ezulwini. (Ndiphinde ndithi kwakhona nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje, andazi; kwazi uThixo kuphela.) Wathwetyulelwa apho akhoyo uThixo. Apho ke weva amazwi angathethekiyo, ekungavumelekanga nokuba athethwe mntu.

5. Nguloo mfo ke lo ndiza kuqhayisa ngaye. Mna andizi kuzingca nganto ngaphandle nje kwezo zibonakalisa ubuthathaka bam.

6. Phofu ukuba bendingafunayo ukuqhayisa bendingayi kuba ndisisidenge, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso. Kodwa ke andizi kuqhayisa, kuba andifuni kubekho mntu undicingela ngaphezu kwaloo nto ndiyiyo ekwenzeni nasekuthetheni.

7. Ngoko ke, ukuze ndingakhukhumali likratshi ngenxa yezi zityhilelo zimangalisayo, ndabethwa ngesifo esaba sisithunywa sikaSathana ukuze sindintlithe ndingazingci ngokugqithisileyo.

8. Ndayithandaza kathathu iNkosi, ndiyicela ukuba isisuse kum.

9. Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.

10. Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.

11. Ndenze ubudenge ngokuqhayisa, kodwa nini abandibangele obo budenge. Bendifanele ukuba ndinconywe nini; kuba, nokuba andinto na, andikho nganeno kodwa kwabo singa-bathunywa benu!

12. Nizibone ngawenu amehlo iimpawu *zomthunywa ngemiqondiso yamandla nemimangaliso endathi rhoqo ukuyenza phakathi kwenu.

13. Ngaba kukho nto iyenye na ndanenzela yona kakubi nina kunamanye amabandla, ngaphandle nje kokuba ndingabanga ngumthwalo kuni? Ndiyaxolisa ke ngelo xanasi!

14. Ngoku sesesithathu isihlandlo ndikulungele ukuza kunibona; ndaye ndingazi kuba ngumthwalo konke kuni. Ndixabise nina kunemali yenu. Andibi kanene ngabazali abondla abantwana, ayingobantwana abondla abazali!

15. Kungamnandi kakhulu kum ukuba mna ndinokudleka, ewe, ndichithe konke endinako ngenxa yenu. Ndinithanda kangaka nje mna, ngaba nina nindithanda kancinane?

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12