Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. Njani? Yiyiphi kumadoda endawathuma kuni, endathi maze inixhaphaze?

18. UTito ndamthundeza ukuze anihambele, ekhatshwa ngulaa mwethu ndandimthume kuni. Ningatsho ukuthi uTito waninyusha? Ningathini kaloku nisazi kakuhle nje ukuba yena nam sineenjongo ezinye, siqhuba ngenkqubo enye?

19. Kungenzeka kambe ukuba ngalo lonke eli xesha niba ndiyazithethelela kuni. Hayi, ndithetha phambi koThixo, ndingokaKrestu, yaye nenjongo yam ikukuba nakheke, zihlobo zam ezithandekayo.

20. Ndinoloyiko lokuba ndifike apho ningeyiyo into endinqwenela ukufika niyiyo, nam ndingeyiyo leyo nindinqwenelela ukuba ndibe yiyo. Ndinoloyiko hleze ndifike kukho iingxabano nomona, imisindo nolunya, izinyeliso neentlebendwane, amayelenqe neziphithi-phithi.

21. Ndinexhala lokuba ndakuthi ndakufika apho andiphoxe uThixo wam, ndilile phambi kwenu ngenxa yabo bonileyo baza àbaguquka ekungcoleni abakwenza ngombulo nokurheletya.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12