Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngaba kukho nto iyenye na ndanenzela yona kakubi nina kunamanye amabandla, ngaphandle nje kokuba ndingabanga ngumthwalo kuni? Ndiyaxolisa ke ngelo xanasi!

14. Ngoku sesesithathu isihlandlo ndikulungele ukuza kunibona; ndaye ndingazi kuba ngumthwalo konke kuni. Ndixabise nina kunemali yenu. Andibi kanene ngabazali abondla abantwana, ayingobantwana abondla abazali!

15. Kungamnandi kakhulu kum ukuba mna ndinokudleka, ewe, ndichithe konke endinako ngenxa yenu. Ndinithanda kangaka nje mna, ngaba nina nindithanda kancinane?

16. Ewe, nokuba bendingengomthwalo kuni, nisenokutsho ukuthi ndaninyusha ngobuqhetseba bam.

17. Njani? Yiyiphi kumadoda endawathuma kuni, endathi maze inixhaphaze?

18. UTito ndamthundeza ukuze anihambele, ekhatshwa ngulaa mwethu ndandimthume kuni. Ningatsho ukuthi uTito waninyusha? Ningathini kaloku nisazi kakuhle nje ukuba yena nam sineenjongo ezinye, siqhuba ngenkqubo enye?

19. Kungenzeka kambe ukuba ngalo lonke eli xesha niba ndiyazithethelela kuni. Hayi, ndithetha phambi koThixo, ndingokaKrestu, yaye nenjongo yam ikukuba nakheke, zihlobo zam ezithandekayo.

20. Ndinoloyiko lokuba ndifike apho ningeyiyo into endinqwenela ukufika niyiyo, nam ndingeyiyo leyo nindinqwenelela ukuba ndibe yiyo. Ndinoloyiko hleze ndifike kukho iingxabano nomona, imisindo nolunya, izinyeliso neentlebendwane, amayelenqe neziphithi-phithi.

21. Ndinexhala lokuba ndakuthi ndakufika apho andiphoxe uThixo wam, ndilile phambi kwenu ngenxa yabo bonileyo baza àbaguquka ekungcoleni abakwenza ngombulo nokurheletya.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12