Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndenze ubudenge ngokuqhayisa, kodwa nini abandibangele obo budenge. Bendifanele ukuba ndinconywe nini; kuba, nokuba andinto na, andikho nganeno kodwa kwabo singa-bathunywa benu!

12. Nizibone ngawenu amehlo iimpawu *zomthunywa ngemiqondiso yamandla nemimangaliso endathi rhoqo ukuyenza phakathi kwenu.

13. Ngaba kukho nto iyenye na ndanenzela yona kakubi nina kunamanye amabandla, ngaphandle nje kokuba ndingabanga ngumthwalo kuni? Ndiyaxolisa ke ngelo xanasi!

14. Ngoku sesesithathu isihlandlo ndikulungele ukuza kunibona; ndaye ndingazi kuba ngumthwalo konke kuni. Ndixabise nina kunemali yenu. Andibi kanene ngabazali abondla abantwana, ayingobantwana abondla abazali!

15. Kungamnandi kakhulu kum ukuba mna ndinokudleka, ewe, ndichithe konke endinako ngenxa yenu. Ndinithanda kangaka nje mna, ngaba nina nindithanda kancinane?

16. Ewe, nokuba bendingengomthwalo kuni, nisenokutsho ukuthi ndaninyusha ngobuqhetseba bam.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12