Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 12:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndiya kuqhayisa ke khona, nakuba loo nto ingancedi nje. Ndiza kubalisa ngemibono nangezityhilelo zeNkosi.

2. Kukho mfo uthile womKrestu owathi kwiminyaka elishumi elinane eyadlulayo, wathwetyulelwa phezulu ezulwini. (Andazi phofu nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje; kwazi uThixo kuphela.)

3-4. Ndiyaphinda ndithi loo mfo wathwetyulelwa ezulwini. (Ndiphinde ndithi kwakhona nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje, andazi; kwazi uThixo kuphela.) Wathwetyulelwa apho akhoyo uThixo. Apho ke weva amazwi angathethekiyo, ekungavumelekanga nokuba athethwe mntu.

5. Nguloo mfo ke lo ndiza kuqhayisa ngaye. Mna andizi kuzingca nganto ngaphandle nje kwezo zibonakalisa ubuthathaka bam.

6. Phofu ukuba bendingafunayo ukuqhayisa bendingayi kuba ndisisidenge, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso. Kodwa ke andizi kuqhayisa, kuba andifuni kubekho mntu undicingela ngaphezu kwaloo nto ndiyiyo ekwenzeni nasekuthetheni.

7. Ngoko ke, ukuze ndingakhukhumali likratshi ngenxa yezi zityhilelo zimangalisayo, ndabethwa ngesifo esaba sisithunywa sikaSathana ukuze sindintlithe ndingazingci ngokugqithisileyo.

8. Ndayithandaza kathathu iNkosi, ndiyicela ukuba isisuse kum.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 12