Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 10:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndim, mna Pawulos ngenkqu, onibongozayo, nakuba kusithiwa ndinobulali ndithantamisa xa ndilapho phakathi kwenu, kodwa ndithi ndakuba ndisithele ndibe nesibindi nobuganga ngakuni. Ndiyanicenga ke, ngenxa yokuthantamisa nobubele bukaKrestu:

2. musani ukundinyanzela ukuba ndibe nesibindi nobuganga ndakuba ndifikile apho kuni; kuba ke ndiyaqonda ukuba ndinganabo ubuganga kwabo bandityhola ngokuthi ndiqhutywa lifuthe labantu beli hlabathi.

3. Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

4. Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo;

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 10