Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kutimoti 2:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Yiba nenxaxheba nawe ezinzingweni njengejoni elithembekileyo likaKrestu Yesu.

4. Ijoni elisemsini alizixakekisi ngezinto zentlalo yemihla-ngemihla. Kufuneka libe soloko lilinde ukuyalelwa ngumphathi walo.

5. Kwakhona imbaleki ayinako ukuthiwa jize ngembasa ingayithobeli imigaqo.

6. Umlimi osebenza nzima ufanelwe sisahlulo sokuqala esivunweni.

7. Zigqale ezi ndawo, yaye iNkosi yokunceda uziqonde kakuhle.

8. Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuswa ekufeni, engumzukulwana kaDavide, njengoko nditshoyo xa ndishumayela iindaba ezimnandi.

9. Nditsala nzima ngenxa yokuzivakalisa. Sendide ndavalelwa entolongweni ngathi ndisisaphula-mthetho. Kodwa lona ilizwi likaThixo alivalelekanga.

10. Yonke loo nto ndiyinyamezele ngenxa yabanyulwa bakaThixo, ndinale njongo yokuba nabo balufumane usindiso newonga elingonaphakade ngokumanywa noKrestu Yesu.

11. Athembekile la mazwi athi:“Ukuba sife simanyene naye, sodla ubomi kwakunye naye.

12. Ukuba siyanyamezela, soxhamla ukulawula kwakunye naye.Ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela.

funda isahluko epheleleyo 2 Kutimoti 2