Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kayohane 1:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. Xa nifikelwa ngumntu ophethe mfundiso yimbi musani ukumamkela ekhayeni lenu, ningambulisi nokumbulisa.

11. Kaloku òmnqwenelela impumelelo ùvana naye nangenkohlakalo leyo yakhe.

12. Nakuba ndinento eninzi ebendingayithethayo kuwe, andithandanga ukuyibhala. Kaloku ndinethemba lokunityelela. Ndiyabona ke ukuba sesothetha ngoko sonwabile.

13. Bayabulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Kayohane 1