Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 3:9-13 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ndingambulela ndithini uThixo ngenxa yenu? Ndingambulela ndithini ngenxa yolonwabo enindenzele lona?

10. Imini nobusuku ndihleli ndithandaza ngenyameko, ndicela ukuba ze ndibuye ndibonane nani, ndize ndilulungise ukholo lwenu apho lulambatha khona.

11. Wanga uThixo uYise ngenkqu, ekunye neNkosi uYesu, angayenza mhlophe indlela yam xa ndizayo apho kuni!

12. Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.

13. Ngamana iNkosi inganomeleza ngolu thando, ukuze xa nimi phambi koThixo uYise, nifunyanwe ninyulu, ningenabala ekufikeni kweNkosi uYesu, inabo bonke abo bamanywe nayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 3