Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 3:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ngoku uTimoti usandul' ukufika evela apho kuni eTesalonika, esiza neendaba ezindonwabisayo, endixelela ngokholo nangothando eninalo. Uthi nisoloko nineengcinga ezintle ngam; yaye uthi nani ninqwenela ukundibona kwanjengokuba ndinqwenela ukunibona nam.

7. Kuzo zonke ke ngoko iinkxwaleko neenzingo zam, ukholo lwenu, mawethu, luyandikhuthaza.

8. Kaloku ikukuphila kum into yokuba nina nihlale nithe zinzi nimanywe neNkosi.

9. Ndingambulela ndithini uThixo ngenxa yenu? Ndingambulela ndithini ngenxa yolonwabo enindenzele lona?

10. Imini nobusuku ndihleli ndithandaza ngenyameko, ndicela ukuba ze ndibuye ndibonane nani, ndize ndilulungise ukholo lwenu apho lulambatha khona.

11. Wanga uThixo uYise ngenkqu, ekunye neNkosi uYesu, angayenza mhlophe indlela yam xa ndizayo apho kuni!

12. Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.

13. Ngamana iNkosi inganomeleza ngolu thando, ukuze xa nimi phambi koThixo uYise, nifunyanwe ninyulu, ningenabala ekufikeni kweNkosi uYesu, inabo bonke abo bamanywe nayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 3