Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 3:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ndakungabi nakunyamezela ke ndithumele uTimoti ukuba akhe eze kuqonda ngombandela wokholo lwenu, hleze kuthi kanti unihendile uSathana, ndize mna ndibe ndifane ndabulaleka ndisebenza.

6. Ngoku uTimoti usandul' ukufika evela apho kuni eTesalonika, esiza neendaba ezindonwabisayo, endixelela ngokholo nangothando eninalo. Uthi nisoloko nineengcinga ezintle ngam; yaye uthi nani ninqwenela ukundibona kwanjengokuba ndinqwenela ukunibona nam.

7. Kuzo zonke ke ngoko iinkxwaleko neenzingo zam, ukholo lwenu, mawethu, luyandikhuthaza.

8. Kaloku ikukuphila kum into yokuba nina nihlale nithe zinzi nimanywe neNkosi.

9. Ndingambulela ndithini uThixo ngenxa yenu? Ndingambulela ndithini ngenxa yolonwabo enindenzele lona?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 3