Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasetesalonika 2:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nazi ngokwenu, mawethu, ukuba undwendwelo lwethu phakathi kwenu alubanga lilize konke-konke.

2. Emva kokuphathwa gadalala sinyeliswa nokunyeliswa eFilipi seza kuluphalaza kuni udaba lweendaba ezimnandi zikaThixo, singafihlisi, singenalo noloyiko, siphiwa amandla nguThixo wethu. Yaba ngumzamo onzimakazi lowo.

3. Ewe kambe, ukushumayela kwam akuzanga kusekelwe ngabuxoki, kungazanga kwaba nazinjongo ziphuthileyo, ndaye ndingazanga ndalinga nakukhohlisa bani.

4. Koko ndityunjwe nguThixo nje, ndakufanela nokuphathiswa iindaba ezimnandi, ndisuka ndithethe ngezinto eziphathelele kwezo ndaba. Andizicengezeli mntwini, ndizicengezela kuThixo kuphela, yena ohleli ezazi iingcinga zethu.

5. Niyazi kakuhle ukuba bendingankwalambisi ukuthetha nani. UThixo uyazi ukuba ukunyoluka bendingakwambesi ngentetho emnandi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasetesalonika 2