Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 6:5-14 Ibhayibhile (XHO96)

5. neengxoxo ezingaphele ndawo. Zonke ezi zinto yimikhwa yabantu abangqondo zingasebenziyo, asebelahlekene nayo inyaniso. Benza ngathi unqulo yindlela yokuzuza ubutyebi.

6. Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.

7. Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto.

8. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

9. Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.

10. Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.

11. Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.

12. Kolu gqatso lokholo yenza konke okusemandleni ukuze ubufumane ubomi obungonaphakade. Ewe, kaloku wabizelwa yona le njongo, ngokuya wawusenza isivumo sokholo phambi kwamangqina amaninzi.

13. Ngoku ke ndiyakugunyazisa phambi koThixo umniki bomi kuzo zonke izinto, naphambi koYesu Krestu, owenza isivumo wangqina phambi koPontiyo Pilato.

14. Wuthobele umyalelo, uwuphathe nyulu ungenabala, kude kube yiMini yokubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 6