Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 6:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Nguye yedwa ongasoze afe; uhlala kubuqaqawuli obungafikelelwayo. Akukho mntu wakha wambona nonokuze ambone. Kuye makubekho isidima nobungangamsha ngoku kude kube ngunaphakade! *Amen.

17. Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile.

18. Bakhuthaze benze imisebenzi emihle, babe zizinhanha ngemisebenzi elungileyo, babe nezinwe, babaphe abasweleyo.

19. Ukuba benjenje ke boba bazigcinela indyebo eya kuba sisiseko sekamva labo. Ngokwenjenjalo bobuzuza ubomi bokwenyani.

20. Wa Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine! Ziphephe iincoko eziphuthileyo zeli hlabathi, ndawonye neengxoxo ezilambathayo “zolwazi,”

21. kuba abaninzi bathe beqhayisa ngalo olu lwazi, suke baluphosa ukholo.Makube sisisa kuni nonke.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 6