Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 6:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Bonke abantu abaphantsi kwedyokhwe yobucaka mababahloniphe ngokupheleleyo abaphathi babo, ukuze igama likaThixo kunye nemfundiso yobuKrestu zingajongelwa phantsi.

2. Naxa abaphathi bengamakholwa, izicaka mazingabadeli kuba bekholwa kunye. Ndaweni yaloo nto mazithembeke ngakumbi, kuba kaloku abo zibasebenzelayo banye kunye nazo elukholweni naseluthandweni.Shumayela ufundise ngale mibandela.

3. Nabani na ofundisa imfundiso enxamnye nale, okanye ongahambisaniyo neendaba zeNkosi yethu uYesu Krestu, nemfundiso yonqulo olwamkelekileyo,

4. lowo uthiwe lwale likratshi nokungazi. Ungumntu osoloko enxanelwe ukuthetha amazwi alambathayo azala ingxabano nomona, ukungevisisani nokwenyelisa, ukukrokrelana

5. neengxoxo ezingaphele ndawo. Zonke ezi zinto yimikhwa yabantu abangqondo zingasebenziyo, asebelahlekene nayo inyaniso. Benza ngathi unqulo yindlela yokuzuza ubutyebi.

6. Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.

7. Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto.

8. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

9. Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni.

10. Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 6