Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 4:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UMoya uxela ngokucacileyo ukuba kumaxesha ezayo abanye abantu baya kululahla ukholo, balandele imimoya yenkohliso, bathobele iimfundiso zeendimoni.

2. Ezo mfundiso ziya kuza nabantu abangamaxoki, abazazela ziphawulwe ngophawu lukaSathana.

3. Bayawuchasa umtshato, banqande abantu ekutyeni uhlobo oluthile lokutya. Kambe ke oku kutya kudalwe nguThixo, ekwenzela ukuba kwamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.

4. Kaloku yonke into edalwe nguThixo ilungile. Makungabikho icalulwayo ke, xa yamkelwe ngombulelo.

5. Kuba kaloku ngelizwi likaThixo ndawonye nomthandazo, iyamkeleka loo nto kuThixo.

6. Woba usisicaka esikholekileyo sikaYesu Krestu xa uwanika le mfundiso amakholwa. Nawe wokondleka emoyeni ngamazwi okholo nawemfundiso yenyaniso oyilandelayo.

7. Wena uze uchasele kude lee kwezo ntsomi zifanele ukwenziwa ngamaxhegokazi. Hlala uzilungiselela inkonzo kaThixo.

8. Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo.

9. Athembekile la mazwi; afanelwe kukwamkelwa ngokupheleleyo.

10. Ndithetha ukuthi sisebenza nzima nje sibulaleka kungokuba sibeke ithemba kuThixo ophilayo, onguMsindisi walo lonke uluntu, ingakumbi abo bakholwayo.

11. Zigcine, uzibethelele emfundisweni yakho ezi ndawo.

12. Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 4