Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 2:3-7 Ibhayibhile (XHO96)

3. Into ebonakalisa ukuba siyazana noThixo kukuba siyithobele imiyalelo yakhe.

4. Umntu othi uyazana naye, abe kodwa engayithobeli imiyalelo yakhe, uyaxoka; ukude nenyaniso.

5. Kambe ke yena olithobelayo ilizwi lakhe, uthando lukaThixo luyondelelene kuye. Nantsi ke into ecacisa ukuba simanyene noThixo:

6. Lowo uthi umanyene naye makaziphathe ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu Krestu.

7. Zihlobo zam ezithandekayo, lo myalelo ndinibhalela wona awumtsha, mdala; ngulowa nawunikwayo kwasekuqalekeni. Lo myalelo mdala ke ludaba eseniluvile.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 2